A Simple Guide to Managing Village Poultry in South Africa/Ezempilo

From Poultry Hub

Jump to: navigation, search

Ezempilo

Illustration: Susan Powell
Illustration: Susan Powell
  • Ucoceko ngoyena ndoqo kwimpilo yeenkukhu zakho. Ziinkukhu eziphile qete kuphela ezinakho ukuzalela ngokufanelekileyo nezikhula kakuhle.
  • Ukuze iinkukhu zihlale zisempilweni entle, ziphe amanzi acocekileyo. Zigcine zicocekile izitya zamanzi nezokutya, kwakunye nendlu leyo yeenkukhu.
  • Zihlole iinkukhu zakho mihla le, ukhangele engaba ayiphilanga.
  • Zonke ezigulayo mazivalelwe bucala, zize ziphiwe amanzi acocekileyo nokutya. Ukuba ngamantshontsho, mawagcinwe efudumele kwaye omile. Ukuba awakaphili emva kweentsuku ezintlanu, mawabulawe aye kungcwatyelwa kude.
  • Amantshontsho agulayo awafuni kutya, aba neentsiba ezithe phatsha, aze ahambise (akhuphe ubulongwe obumanzi obunegazi). Iinkukhu ezindala zona zinganeentsiba ezimdaka apha ngasemva. Zinganazo nezilonda apha entloko kwiindawo ezingenantsiba. Ezinye zinganzinyelwa kukuhamba, ngenxa yemilenze ebuthathaka neenzwane eziqotholeyo. Ukuba ke iinkukhu zinzinyelwe kukuhamba, bubuchule ukuzibulala kuba zihleli ziza kufa kakade.
  • Zonke iinkukhu ezifileyo mazitshiswe okanye zingcwatywe kwangoko. Musa ukuvuma ukuba ityiwe, kuba isenokulugulisa usapho lwakho.
Illustration: Susan Powell
Illustration: Susan Powell
  • Ukuba ufuna iinkukhu zakho zikhule kwaye zizalele kakuhle, zigcine zisempilweni. Ezinye izifo zisoloko zikho kwindawo ohlala kuyo, ngoko khusela iinkukhu zakho ngokuzigonya.
  • Isifo esingubhubhane ekuthiwa yiNewcastle singazitshayela zonke iinkukhu zakho, ngoko kubalulekile ukuzigonyela esi sifo singekafiki. Iingcebiso ngogonyo ungazifumana kwigosa lengingqi yakho elijongene nofuyo lweenkukhu. Ukuba akuzigonyi iinkukhu zakho, ungabona sele ziphele zonke zizifo.
  • Xa ufumanisa ukuba kukho iinkukhu eziliqela ezingaphilanga, funa iingcebiso ngokukhawuleza kubantu abanolwazi olunzulu ngezifo zeenkukhu. Mhlawumbi kungenzeka ukuba kukho yeza lithile elilodwa ekufanele ulisebenzise.

See Also

Personal tools
site help