A Simple Guide to Managing Village Poultry in South Africa/Izindlu zeenkukhu
From Poultry Hub
Izindlu zeenkukhu
- Iinkukhu zifuna indlu eyomeleleyo. Kufanele zitshixelwe ebusuku ukuzikhusela kwimozulu embi, kwiintshaba nakumasela. Ukuzivalela iinkukhu kunceda nasekubeni umfuyi wazo akwazi ukusoloko ezihlola ukuba aziguli okanye azifuni kuhoywa na. Kukwanceda nasekuqokeleleni amaqanda azo, kuba abandawonye ngoko afumaneke lula.
- Kubalulekile ukuba uyikhethe ngobunono indawo owakha kuyo indlu. Kufuneka indawo enomthunzi, eyomileyo, ekhuselekileyo, ekumhlaba othe tyaba ukuze ihlale yomile ngexesha lemvula. Kusengafuneka ukuba umfuyi agrumbe umjelo ojikeleze indlu leyo, okanye awonyuse umhlaba aza kwakha kuwo.
- Indlu ingakhiwa ngexabiso eliphantsi, kusetyenziswa izinto ezifumaneka kwalapha ekuhlaleni ezinjengeepali zomthi wegum, iingcongolo nengca yokufulela. Nguwe oyakubona into onokuyisebenzisa. Le ndlu mayibe kufutshane kule ihlala abantu. Makutshentwe yonke ingca nezicithi ezikwisithuba esiziimitha ezintathu ukusuka endlwini apho. Oko kukhusela iinkukhu kwiinyoka nasezimpukwini. Abanye abantu bazakhela phezulu izindlu zeenkukhu, mhlawumbi phezu kweepali ezigrunjekweyo, ukuzikhusela kumasela anjengezinja, iimpuku, iinyoka nabantu.
- Ubungakanani bendlu buxhomekeke kwinani leenkukhu zakho. Indlu eyenzelwe iinkukhu ezili-10 ukuya kwi-15, kufanele ibeziimitha ezimbini icala ngalinye. Kungcono ukuba indlu ibenkulu kakhulu kunokuba ibencinci kakhulu.
- Kufanele ibenocango olomeleleyo, ingenise ukukhanya nomoya omtsha ngokufanelekileyo. Kufanele izikhusele iinkukhu emvuleni nasemoyeni. Kufanele kubekho iindawo zokulala (mhlawumbi iipali ezinqamlezileyo), njengoko iinkukhu zithanda ukulala kwiindawo eziphezulu, hayi emhlabeni.
- Makubekho izitya zokutya nezamanzi. Kungasetyenziswa izinto ezingabizi mali ingako, ezinjengeenkonkxa nezinye izinto ezinokufumaneka. Amanzi kufanele asoloko efuduselwa kwezinye iindawo kwalapho endlwini, njengoko eyimanzisa indlu xa ebekwe ndawonye.
- Iinkukhu zifuna iinesi ukuze zizalele. Kufuneka iinesi ezintathu kwiinkukhu ezili-10 ukuya kwezili-15. Iinesi mazibekwe kwindawo ezolileyo apho endlwini, kwisithuba esingangokusuka emhlabeni ukuya edolweni. Unokusebenzisa ibhaskithi endala, inkonkxa okanye i-emele endala ekhutshwe umzantsi, iinkuni okanye amatye. Yizalise inesi ngengca okanye istroyi, uze uyigcine icocekile. Amaqanda waqokelele yonke imihla, uze uwagcinele iinkukhu ezifuna ukufukama.
- Indlu yigcine icocekile maxa onke. Ungondlala ingca okanye imvuthuluka yamaplanga phantsi xa unakho. Ubulongwe nobunye ubumdaka mabugutyulwe kanye ngenyanga, buze buyekwe phandle buvunde phambi kokuba busetyenziswe egadini. Lo mgquba uyakuzinceda izityalo zakho zikhule kakuhle.
