A Simple Guide to Managing Village Poultry in South Africa/Ukondliwa kweenkukhu

From Poultry Hub

Jump to: navigation, search

Ukondliwa kweenkukhu

Illustration: Susan Powell
Illustration: Susan Powell
  • Ukuze iinkukhu zikhule kakuhle zizalele namaqanda amaninzi, kufanele zifumane ukutya okunengxubevange yezondlo namanzi acocekileyo.
  • Okunye ukutya zikufumana ngokuqhwaya umhlaba, zifumane iindidi zeerhorho, ingca nezinye izityalo. Nangona oko zikuqhwayayo ikukutya okulungileyo, kufanele ziphiwe okunye ukutya okongezelekileyo ukuze zivelise ngokwanelisayo.
  • Ukuba iimeko ziyavuma, amantshontsho wathengele ukutya kwawo uwaphe kona de abeneeveki ezi-4 ukuya kwezi-5 ubudala. Oku kutya makungakhe kutyiwe ziinkukhu ezindala, kuba kubiza imali eninzi kwaye akuzifanelanga. Ukuba uyaqonda ukuba ngathi amaxabiso ayakongamela, thethana nomnye umfuyi nidibane ngengxowa.
  • Xa ugalela ukutya kwamantshontsho, isitya masithi gabhu nje ukwenzela ukuba angakungaphalazi xa esitya, kuze kube yilahleko.
  • Maxa wambi izikhukukazi ziye zingayifumani ngokwaneleyo icalcium efunekayo ukwakha iingceba zamaqanda ezomeleyo. Oosinyeke bavelisa icalcium eninzi, kodwa eyona nto ixabisa phantsi engafumaneka kuyo yilimestone. Yona ke kufanele ziyiphiwe yodwa iinkukhu, kwindawo eyomileyo. Neengceba zamaqanda ezophuliweyo zikwaluncedo, kodwa kufanele ziqale zibiliswe nemifuno, ukuze zingahambisi izifo ezingathi kanti zizithwele.
Illustration: Susan Powell
Illustration: Susan Powell
  • Ukutya okulahlwayo ekhayeni nokuba yintshela kubalulekile, kodwa kufanele kunikwe iinkukhu kungekabi kudala. Ukuba unemifuno onqwenela ukuyipha iinkukhu zakho, bubuchule ukuyibilisa kuqala ukuze kube lula ukucoleka kwayo ngaphakathi emzimbeni. Neziqhamo ezinjengamabhanana nezinye, zizilungele kakhulu iinkukhu. Licebo elihle ukuzipha oku kutya xa zivalelwa ukuba zilale, ukuzikhuthaza ukuba zivuke ekuseni zinomdla wokuya kuziphandela.
  • Amathambo avela kwinyama (nokuba yeyiphi) ebiphekiwe ekhayeni, angomiswa aze acolwe anikwe iinkukhu. La mathambo anezakhamzimba ezininzi, kuquka icalcium, ezibaluleke kakhulu ekukhuleni nasempilweni yeenkukhu.
  • Amakhatshu aphuma xa kusilwa/kucolwa umbona okanye ingqolowa nawo aluncedo kakhulu ezinkukhwini. Zama ukusoloko uzikhangelela ukutya kokongezelela iinkukhu zakho. Akukho xesha apho kukhe kwanele ngalo.

See Also

Personal tools
site help