A Simple Guide to Managing Village Poultry in South Africa/Ukukhuliswa kweenkukhu
From Poultry Hub
Contents |
Ukukhuliswa kweenkukhu
Ukukhuliswa kwamantshontsho
- Amantshontsho afuna ucoselelo okanye inkathalo egqithileyo, xa esemancinci kakhulu. Izikhukukazi ke ziyashiyana ngokukwazi ukwenza oko ngempumelelo.
- Kweeza veki zi-3 ukuya kwezi-4 zokuqala, amantshontsho afuna ucoselelo olukhulu nokhuseleko olungqingqwa kwiintshaba nakwimozulu. Kufanele avalelwe nonina kwihoko enakho ukumana ifuduselwa kwindawo entsha mihla le. Qinisekisa ukuba ihoko leyo inkulu ngokwaneleyo ukuba akwazi ukujikeleza, kwaye kusoloko kukho ukutya okunjengentshela okanye nantoni na ebityiwa ngabantu.
- Amantshontsho wagcine omile kwaye efudumele, maxa onke. Kubalulekile ukuba afunde ukuziphandela okanye ukuqhwaya ukutya nonina. Ebusuku zonke iinkukhu namantshontsho mazivalelwe kwindlu enokhuseleko olungqingqwa.
- Apha emini amantshontsho mawasoloko enokutya. Ungaqala ngokuwapha amaqanda abilisisiweyo aze enziwa imvuthuluka, ze ekuhambeni kweentsuku ulandelise ngamasuntswana ombona okanye umngqusho, iimvuthuluka zesonka nomgubo wombona okrwada okanye ophekiweyo. Emva kweentsuku ezili-10, waphe kabini kuphela ngemini, kwaye uwaphe ukutya akwaziyo ukukugqiba kwangoko, ukunqanda ilahleko.
- Qinisekisa ukuba unina wamantshontsho akawatyeli. Ukutya kubeke kwindawo apho kunofikelela amantshontsho kuphela.
- Makusoloko kukho amanzi okusela acocekileyo, kodwa amantshontsho agadwe angazimanzisi. Ungafaka amatye acocekileyo phakathi kwisitya esinamanzi, ukuthintela amantshontsho angatshoni.
- Amantshontsho afileyo mawangcwatywe ngokukhawuleza, kude nendawo ezivalelwa kuyo iinkukhu.
- Ungawakhupha ehokweni amantshontsho xa sele eneeveki ezi-3 ukuya kwezi-4 ubudala, ajikeleze nonina. Qhubekeka ngokuwapha ukutya kwawo nangona esitya nakoku kweenkukhu ezindala, ukuze abenakho ukukhula kakuhle, esempilweni.
- Xa sele eneeveki ezi-4, uyakubanakho ukwahlula phakathi kweenkunzi namathokazi. Iinkunzi zikhula ngokukhawuleza kwaye kufuneka ziphiwe ukutya okungaphezulu ukuzixhasa koko kukhula. Zama ukuzityisa bucala kwezinye iinkukhu isithuba esingangesiqingatha seyure ngemini.
- Sukuzilinda zide zibendala iinkunzi zakho phambi kokuba uzitye okanye uzithengise. Oko kuya kongela ukutya, ubenokutya okuninzi kokondla iinkukhu zakho, kutsho kuvelise nendawo yokufaka amanye amantshontsho asakhulayo angena endaweni yeenkukhu ezityiweyo okanye ezithengisiweyo.
Ukunyamekelwa kwezikhukukazi
- Izikhukukazi ziqala ukuzalela xa zineenyanga ezi-6 ukuya kwezisi-8 ubudala. Xa iinkukhu zisondliwa kwaye ziphethwe ngobunono, ziqalisa msinya ukuzalela zize zizalele amaqanda amaninzi.
- Ungele lwezikhukukazi ezizalelayo lubalukhulu, lube bomvu kwaye lukhazimle. Kanti xa zingazaleli, ungele luyaxweba lube bushwabana. Njengoko inkukhu ingasoloko izalela lonke ixesha, nombala wongele umana utshintsha njalo.
- Qokelela amaqanda ezinesini ubuncinane kanye ngemini. Njengoko bekukhe kwatshiwo ngaphambili, inkukhu efukamayo yibekele amaqanda ama-6 ukuya kwi-8 kuphela.
- Amaqanda sukuwagcina endaweni efudumeleyo, kwaye ungawagcini ixesha elingaphezu kweveki phambi kokuba uwathengise okanye uwatye kuba ayaguga, aze ke ngenxa yoko angabinakuqanduselwa xa ithe inkukhu yawafukama.
- Amaqanda akhethelwa ukufukanywa mawacoceke kwaye abe neengceba ezomeleleyo. Amaqanda aneengceba ezicekethekileyo okanye eziqhekekileyo, awasayi kuqandusela. Iqanda elikhulu likhupha intshontsho elikhulu, elithi lingabinangxaki yokukhula ngokukhawuleza.
- Xa izikhukukazi zakho sele zineminyaka emi-2 ukuya kwemi-3 ubudala, ziyayeka ukuzalela okanye zizalele manqapha-nqapha. Ngelo xesha ke kufanele uzitye okanye uzithengise, kuba kaloku ziyatya nje kungekho nto zikwenzela yona.
