A Simple Guide to Managing Village Poultry in South Africa/Ukwanda kweenkukhu nokuqandusela kwazo

From Poultry Hub

Jump to: navigation, search

Ukwanda kweenkukhu nokuqandusela kwazo

Illustration: Susan Powell
Illustration: Susan Powell
  • Qaphelisisa ukuba zeziphi iinkukhu ezibeka awona maqanda maninzi; ezinobuchule bokufukama nokukhulisa amantshontsho azo, ukuze ubenakho ukukhetha ezo zikhukukazi zizindlezana. Amathokazi avela kwiinkukhu ezinezimpawu wagcinele ukwandisa iinkukhu zakho.
  • Zigcine izikhukukazi ezivelisa amantshontsho awomeleleyo, nakhula ngokukhawuleza ukuvelisa inyama. Idla ngokuba ziinkunzi zenkukhu ezikhula ngokukhawuleza, kwaye zezona zilungele ukutyiwa.
  • Izikhukukazi zakho zidibanise nezo nkunzi zikhula zibenkulu. Musa ukusebenzisa iinkunzi ezinqapheleyo okanye ezingenamzimba ukwandisa iinkukhu zakho. Ezo nkunzi kufanele zitshitshiswe ngokuthengiswa okanye zixhelwe.
  • Bubuchule ukuba maxa wambi uthathe ezinye iinkunzi nezikhukukazi utshintshise ngazo kwabanye abafuyi, ukuthintela umbulo – ootata bangadibani neentombi zabo okanye oomama badibane noonyana babo. Umbulo wenza inzala engakhuli kakuhle nemveliso yamaqanda ephantsi.
  • Zitshitshise zonke iinkukhu ezingabeki maqanda ngokwanelisayo. Zona zitya nje ukutya, kodwa akukho nto zikwenzela yona wena mfuyi.
  • Iinkukhu ezifuna ukufukama mazibenenesi yazo eyodwa. Ungasebenzisa ibhaskithi efakwe ingca eyomileyo ngaphantsi, kulandele isanti, ize ibe yingca kwakhona ngaphezulu. Ezi zinto zifakwayo zikhusela amaqanda angophuki lula, ngolo hlobo kwande inani lamantshontsho aqanduselweyo.
  • Inesi mayibekwe kwikona emnyama ezolileyo, kude nezinye iinkukhu ezileleyo endlwini. Iinkukhu ezifukamayo mazisoloko zifumana amanzi nokutya maxa onke. Inkukhu iqandusela emva kweentsuku ezingama-21.
Illustration: Susan Powell
Illustration: Susan Powell
  • Qokelela onke amaqanda azalelwe ziinkukhu ngemini. Xa kukho inkukhu efuna ukufukama sukuyibekela ngaphezu kwesi-6 ukuya kwisi-8 samaqanda. Ambalwa kakhulu amantshontsho anokukhuliswa yinkukhu ngexesha. La maqanda mawabe ngawezonkukhu zibeka amaqanda amaninzi okanye ezo ziqandusela amantshontsho akhula msinya.
  • Musa ukuvumela yonke inkukhu efuna ukufukama yenze njalo – khetha kuphela ezo zinenkathalo. Ukuba uthatha inkukhu efuna ukufukama uyivalele yodwa iintsuku ezi-4 ukuya kwezi-5, iyayeka ukufuna ukufukama iphinde iqalise ukuzalela.

See Also

Personal tools
site help